1 Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke.
2 Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.
3 Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo.
4 Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
5 EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi.
6 Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo.
7 Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke!