34 Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi:“ ‘INkosi yathi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga
35 lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
36 “Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.”
37 Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”
38 Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.
39 Kuba isithembiso esenziwa nguThixo senzelwa nina nabantwana benu, kwanâbo bakude, bebonke abo iNkosi uThixo wethu ibabizayo.”
40 Wathetha wophela ke uPetros ebaluleka esithi: “Zahlukaniseni naba bantu bakhohlakeleyo, khon' ukuze ningehlelwa sisohlwayo sabo.”