42 Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
43 Imiqondiso nemimangaliso emininzi awayenza *ngabathunywa uThixo yatsho yabakhohla abantu.
44 Bonke abakholwayo bahlala bebambene, bedlelana ngezinto abanazo omnye nomnye.
45 Babethengisa ngempahla yabo, babelane ngemali leyo ngokweentswelo zomntu ngamnye.
46 Imihla ngemihla babehlangana rhoqo *endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana,
47 bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.