6 Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo.
7 Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke!
8 Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe?
9 Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya,
10 eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma.
11 SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.”
12 Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?”