1 Lwakuba ludambile udushe olo, uPawulos wawahlanganisa amakholwa, wawanika amazwi enkuthazo nawokwahlukana. Waza wasuka apho wasinga kwelaseMakedoni.
2 Watyhutyha loo mimandla, ehamba ethetha amazwi enkuthazo ebantwini. Wafika nakwelamaGrike,
3 apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni.
4 Nâba abâmkhapháyo: uSopatro unyana kaPiro waseBheriya, uAristarko noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe noTimoti, kwanoTikiko noTrofimo baseAsiya.
5 Basandulela baya kusilinda eTrowa.