31 Lumkani ngoko, nikhumbule ukuba imini nobusuku ndaniluleka nonke ngabanye, ndisezinyembezini, ithuba leminyaka emithathu.
32 “Ngoko ke ndiyambongoza uThixo ukuba makanikhusele. Uya kunakha ngodaba lwesisa sakhe, olunamandla okunenza nilixhamle ilifa kunye nabo bonke abantu bakhe.
33 Andizange ndinqwenele mali nampahla yamntu.
34 Kaloku nazi mhlophe ukuba ndasebenza ngezi zandla zam, ndizixhasa kuzo zonke iintswelo zam kwanezamahlakani am.
35 Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ”
36 Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza.
37 Bathi besithi ndlela-ntle kuye, baye bengenakuzibamba bengqukruleka. Babemgona ngokwesiko labo.