1 Sakwahlukana nabo, sangena enqanaweni, sahamba ngqo sada saya kufika eKos. Ngengomso sagaleleka eRodo, sasuka saya kutsho ePatara.
2 Safumana inqanawa apho eyayisiya eFenike, saza sangena kuyo, sahamba ngayo.
3 Sayithi ntlaa, sayishiya ngasekhohlo iSipro, sijonge eSiriya. Sehla enqanaweni eTire. Kaloku kwakulapho yayiza kothulwa khona umthwalo.
4 Safika kukho amakholwa apho, saya kuhlala nawo iveki yonke. Ngokutyhilelwa nguMoya oyiNgcwele athi uPawulos makangayi eJerusalem.