10 Kuthe sekuntsuku silapho, kwafika umvakalisi-daba onguAgabho, evela kwaJuda.
11 Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”
12 Sakuyiva le nto, samcenga uPawulos, sikunye namakholwa alapho, ukuba angayi eJerusalem.
13 Kodwa wathi ukuphendula: “Nenza ntoni, nifuna ukundityhafisa nje ngezi nyembezi zenu? Andilungelanga kubotshwa kuphela eJerusalem; kwanokufa oku ndikulungele ngenxa yeNkosi uYesu.”
14 Sancama ke, kuba singabanga nakumoyisa, sathi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”
15 Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem.
16 Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.