14 Sancama ke, kuba singabanga nakumoyisa, sathi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”
15 Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem.
16 Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.
17 Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu.
18 Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona.
19 Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga.
20 Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis.