37 Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?”Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike?
38 Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?”
39 Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”
40 Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi: