1 “Mawethu, nani bobawo, khanindiphulaphule xa ndiziphendulelayo.”
2 Bathi bakumva ukuba uthetha ngesiHebhere, bathi cwaka.Waza waqhuba wathi uPawulos:
3 “Mna ndingumJuda, ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki, kodwa ndakhulela apha eJerusalem, ndingumfundi kaGamaliyeli. Ndafumana ingqeqesho ecokisekileyo kumthetho wookhokho bethu; futhi ndandizinikele kuThixo, ndinjengokuba ninjalo nani namhlanje.
4 Ndandibatshutshis' ukufa abantu abalandela le Ndlela. Ndandiwabamba amadoda kwanabafazi, ndibafake entolongweni.
5 Umbingeleli omkhulu *neBhunga xa lilonke bangangqina ukuba ndithetha inyaniso xa nditshoyo. Ndandithatha iincwadi kubo, zibhalelwe amaJuda aseDamasko, ndize mna ndihambe ndiye kubamba abantu, ndibabuyise bekhonkxiwe, ndibazise eJerusalem, ukuze bohlwaywe.”
6 “Ndathi xa ndandihamba ndisondela eDamasko, emini emaqanda, ndabona ukukhanya okuqaqambileyo esibhakabhakeni kundibengezelela ngeenxa zonke.
7 Ndawa emhlabeni, ndaza ndeva ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni na?’