19 Ndathi ke mna: ‘Nkosi, bazi kakuhle ukuba ndandifika ndibabambe abo bazinikele kuwe, ndibabethele apho *ezindlwini zesikhungo.
20 Kanti nangamhla kwakubulawa uStefano, ingqina lakho, nam ndandikho. Ndandihambisana nokugwintwa kwakhe, neempahla zababemgebenga zigcinwe ndim lo.’
21 Yathi kum iNkosi: ‘Hamba, kuba ndiza kukuthuma kude kweleentlanga.’ ”
22 Babemphulaphule abantu uPawulos, kwada kwaza kutsho kule ndawo; basuka ke batsho ngentswahla besithi: “Msuse! Bulala loo nto!”
23 Kwakuthe nzwii yingxolo, bejiwuzisa iimpahla zabo, kuqhuma uthuli.
24 Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamajoni amaRoma yathi uPawulos makangeniswe enqabeni yawo, akatswe, kuncinwe unobangela wento amxhibe ngayo amaJuda, ukuze angxole kangaka.
25 Kuthe sebembophelele, beza kumkatsa, uPawulos wabhekisa kumphathi-butho owayemi apho, wathi: “Khawutsho, kusemthethweni ukuba ungámbetha ummi ongumRoma engakhanga afunyanwe enetyala?”