5 Umbingeleli omkhulu *neBhunga xa lilonke bangangqina ukuba ndithetha inyaniso xa nditshoyo. Ndandithatha iincwadi kubo, zibhalelwe amaJuda aseDamasko, ndize mna ndihambe ndiye kubamba abantu, ndibabuyise bekhonkxiwe, ndibazise eJerusalem, ukuze bohlwaywe.”
6 “Ndathi xa ndandihamba ndisondela eDamasko, emini emaqanda, ndabona ukukhanya okuqaqambileyo esibhakabhakeni kundibengezelela ngeenxa zonke.
7 Ndawa emhlabeni, ndaza ndeva ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni na?’
8 Ndabuza ndathi: ‘Ungubani wena, Nkosi?’ Laphendula lathi: ‘NdinguYesu waseNazarete, lo umtshutshisayo.’
9 Amadoda endandihamba nawo akubona okunene ukukhanya, kodwa akazange ayive into ethethwa ngulowo wayethetha nam.
10 Ndabuza ndathi: ‘Ndingenza ntoni, Nkosi?’ Yaza yathi iNkosi kum: ‘Vuka, uye eDamasko; woyixelelwa khona apho into yonke akumisele ukuba uyenze uThixo.’
11 Ukubengezela kokukhanya oko ndakubonayo kwanditsho ndayimfama, baza abo babendiphahlile bandibamba ngesandla, bandikhokelela eDamasko.