14 Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli.
15 Ndibambelele ethembeni elinye nabo abamangali, eli lokuba bonke abantu, abalungileyo nabangalunganga, baya kuvuka ekufeni.
16 Ndibe ke ndizama kangangoko ndinako ukuba ndihlale ndingenasazela nganto phambi koThixo naphambi kwabantu.
17 “Ndakha ndangabikho iminyaka emininzi eJerusalem, ndaza emva koko ndaya khona ndisisela abantu bakowethu imali, futhi ndisiya kwenza amadini.
18 Ndandisendlwini kaThixo apho ke, ukundifikela kwawo amaJuda ekubeni sendigqibe ukwenza *intlambululo. Ndandingekho esiphithi-phithini, futhi kungekho naqhushululu olo.
19 Ayekhona amaJuda athile ephondo laseAsiya; ebefanele ukuba alapha phambi kwakho andimangalele ngokwawo, xa enendawo ngakum.
20 Okanye khawutsho kula madoda axele ukuba andifumana ndinatyala lini na ngokuya ndandimi phambi kweBhunga.