3 nangakumbi kuba wena unolwazi ngamasiko amaJuda nezinye iinkcukacha zobuJuda. Uze undiphulaphule ngenyameko ke.
4 “Iyaziwa ngawo onke amaJuda indlela endandiziphethe ngayo kwandiselula. Ayayazi kwakudala indlela endandihlala ngayo kummandla wakowethu naseJerusalem.
5 Kudala kakade esazi, ukuba angathanda ukuyingqina loo nto, ukuba mna kwasekuqaleni ndaba lilungu lelona qela lingqongqo kunqulo lwakowethu, iqela *labaFarasi.
6 Kungokunje naku ndimi apha, ndize ematyaleni ngenxa yethemba endinalo kwidinga uThixo âlenza nookhokho bethu;
7 kanye elo dinga zililangazelelayo xa zizonke ezi zizwe zakowethu zilishumi elinambini, njengoko zimnqula uThixo imini nobusuku. Kungenxa yeli themba ke, mhlekazi, endimangalela nje amaJuda.
8 Kungani na ningakholwa nje, maJuda, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?
9 “Mna lo ndandiba yinto efanelekileyo ukwenza nayiphi na into, ndilichasa igama likaYesu waseNazarete.