27 Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo,bawavala namehlo abo.Kungenjalo bebeya kubona,beve ngeendlebe zabo,baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum,ndize ndibaphilise;’utsho uThixo.”
28 UPawulos wenjenje ukuyiphetha intetho yakhe: “Ngoko ke yazini ukuba udaba lukaThixo olungosindiso lusiwa ezintlangeni. Ziya kuluva zona.” [
29 Emva kokuba uPawulos etshilo, emka amaJuda, ehamba exambulisana odwa.]
30 Yaba mibini iminyaka uPawulos ehlala endlwini ayiqeshileyo, ezamkela ngobubele zonke iindwendwe zakhe.
31 Wayeshumayela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo, efundisa iindaba ezingeNkosi uYesu Krestu, ethetha ngesibindi, engathintelwa nto.