1 Ngamhla uthile uPetros noYohane baya *endlwini kaThixo ngexesha lomthandazo, ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
2 Apho esangweni lendlu kaThixo ekwakusithiwa liSango eLihle, kwakukho indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Yayidla ngokusiwa khona yonke imihla ukuze icele amalizo kwabangenayo.
3 Yakubona uPetros noYohane bengena, yacela ukuba bayilize.
4 Bayijonga, waza uPetros wathi: “Khangela apha!”