15 Nayibulala imbangi yobomi; ke yena uThixo wayivusa ekufeni. Yeyona nto singqina yona ke leyo.
16 Kukuvuma nokuzinikela kwigama likaYesu okuyomelezileyo le ndoda niyibonayo, niyaziyo. Ligunya legama lakhe elimenze waphila njengokuba nimbona elapha phambi kwenu nje lo mntu.
17 “Ndiyazi ke, mawethu, ukuba nina neenkokheli zenu le nto niyenze kuYesu ngokungazi.
18 Loo nto ngoko uThixo wayazisayo ngabo bonke *abashumayeli, yokuba umelwe kukubandezeleka, uyizalisekisile.
19 Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu;
20 nize nifumane amathuba okuhlaziyeka komoya evela eNkosini, nokuze imthumele uYesu onguKrestu oselenikwe nina.
21 Yena uya kuhlala ezulwini kude kufike ixesha lokuhlaziywa kwezinto zonke, njengoko uThixo wâzisáyo mandulo ngabashumayeli bakhe abanyuliweyo.