17 “Ndiyazi ke, mawethu, ukuba nina neenkokheli zenu le nto niyenze kuYesu ngokungazi.
18 Loo nto ngoko uThixo wayazisayo ngabo bonke *abashumayeli, yokuba umelwe kukubandezeleka, uyizalisekisile.
19 Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu;
20 nize nifumane amathuba okuhlaziyeka komoya evela eNkosini, nokuze imthumele uYesu onguKrestu oselenikwe nina.
21 Yena uya kuhlala ezulwini kude kufike ixesha lokuhlaziywa kwezinto zonke, njengoko uThixo wâzisáyo mandulo ngabashumayeli bakhe abanyuliweyo.
22 Kaloku uMosis wathi: ‘INkosi uThixo wenu iya kunithumela umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam. Maze nimphulaphule kuyo yonke into anixelela yona.
23 Nabani na ke ongamphulaphuliyo lo mshumayeli uya kusikwa ebantwini bakaThixo atshatyalaliswe.’