1 Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi.
2 Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto leyo yayiqinisekisa ukuba abafileyo baya kuvuka.
3 Bababamba ke, babafaka entolongweni, ukuba balinde khona kude kube ngengomso, njengoko imini yayiselisangene.
4 Uninzi lwâbo bayivayo imfundiso leyo lwakholwa, laza ke landa inani labo laya kumawaka amahlanu.
5 Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem.
6 YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho.
7 Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”