13 Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo.
14 Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo.
15 Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.
16 Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.
17 Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa,
18 baza bababamba babafaka entolongweni.
19 Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo: