39 ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.”IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli.
40 Baza ke bababiza abathunywa, babayala ukuba bangaze baphinde bathethe ngegama likaYesu. Emva koko ke bakatswa abathunywa, baza bakhululwa.
41 Abathunywa balishiya iBhunga elo benemincili, kuba uThixo ebafumanise befanelekile ukuba bahlazeke ngenxa yegama likaYesu.
42 Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.