12 Akuva uYakobi ukuba eJiputa kukho ukudla, wabathumela okokuqala oonyana bakhe; ngookhokho kuthi ke abo.
13 Kutyelelo lwabo lwesibini uJosefu wazazisa kubantakwabo, waza wamxelela ukumkani ngamawabo lawo.
14 UJosefu wamema uyise uYakobi ukuba aye kuhlala eJiputa nomzi wakhe wonke. Babengamashumi asixhenxe anesihlanu bebonke.
15 Wehla ke uYakobi, waya eJiputa, apho yena nookhokho bethu bafela khona.
16 Imizimba yabo yasiwa eShekem, apho yangcwatywa kwingcwaba elathengwa nguAbraham koonyana bakaHamori.
17 “Ekusondeleni kwexesha lokuba uThixo asizalisekise isithembiso awasenza kuAbraham, abantu bakuthi ababeseJiputa babesebande kakhulu.
18 Ekuhambeni kwethuba kwavela kumkani wumbi, owayengamazi uJosefu, wangumlawuli weJiputa.