27 Kodwa lo wayevuyelela omnye, watyhalela uMosis bucala, wabuza wathi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu?
28 Nam ufuna ukundibulala njengalaa mJiputa umbuleleyo izolo?’
29 Akuyiva le ntetho uMosis, wabaleka, waya kuhlala kumhlaba waseMidiyan. Apho wazala oonyana ababini.
30 “Emva kwamashumi amane eminyaka, kwabonakala isithunywa seNkosi kuMosis sisemalangatyeni etyholo elivuthayo entlango ngakwintaba yeSinayi.
31 Lo mbono wammangalisa uMosis, wasondela etyholweni apho ukuba aliqwalasele. Suka weva ilizwi leNkosi lisithi:
32 ‘Mna ndinguThixo wookhokho bakho, uThixo ka-Abraham, kaIsake, noYakobi.’ UMosis wankwantya kukoyika, akabi saba nako ukulikhangela.
33 INkosi yathi kuye: ‘Khulula iimbadada ezo, kuba indawo le umi kuyo ingcwele.