25 Emveni kokuba benike ubungqina beluthetha udaba lweNkosi kwabo bantu, uPetros noYohane bagoduka, baya eJerusalem. Endleleni yabo egodukayo bazishumayela iindaba ezimnandi kwiilali ezininzi zaseSamariya.
26 Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi noFilipu, sathi: “Zilungiselele uhle ngendlela esentlango esuka eJerusalem iye eGaza.”
27-28 Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.
29 Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.”
30 UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?”
31 Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.
32 Nasi isicatshulwa seziBhalo awayesifunda:“Wafana negusha eya kuxhelwa,wafana netakane elithe cwaka lichetywa,naye wathula wathi tu.