26 Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi noFilipu, sathi: “Zilungiselele uhle ngendlela esentlango esuka eJerusalem iye eGaza.”
27-28 Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.
29 Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.”
30 UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?”
31 Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.
32 Nasi isicatshulwa seziBhalo awayesifunda:“Wafana negusha eya kuxhelwa,wafana netakane elithe cwaka lichetywa,naye wathula wathi tu.
33 Ekuthotyweni kwakhe akabanga namhlanguli;akukho bani uya kuchaza ngesizukulwana sakhe,kuba ubomi bakhe emhlabeni bunqanyulwe.”