31 Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.
32 Nasi isicatshulwa seziBhalo awayesifunda:“Wafana negusha eya kuxhelwa,wafana netakane elithe cwaka lichetywa,naye wathula wathi tu.
33 Ekuthotyweni kwakhe akabanga namhlanguli;akukho bani uya kuchaza ngesizukulwana sakhe,kuba ubomi bakhe emhlabeni bunqanyulwe.”
34 Unondyebo wabuza kuFilipu wathi: “Khawundixelele, uthetha ngabani apha umshumayeli? Ngaba uthetha yena siqu, okanye uthetha ngomnye umntu?”
35 UFilipu wamchazela, eqalela kanye kule ndawo eziBhalweni, wamtyhilela iindaba ezimnandi ezingoYesu.
36 Ekuhambeni kwabo bada bafika ndaweni ithile inamanzi, laza lathi ithenwa: “Nanga amanzi, kungani ukuba ndingàbhaptizwa?”[
37 Waphendula wathi uFilipu: “Ungábhaptizwa ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho yonke.” Lathi ke lona: “Ndiyakholwa ukuba uYesu Krestu nguNyana kaThixo.”]