10 Wafika ke yena ehlabathini; kanti, nangona ihlabathi labakho ngaye nje, alimqondanga.
11 Weza kwelakowabo, aza amawabo akamamkela.
12 Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.
13 Ababanga ngabantwana bakaThixo ngokuzalwa bengabomlibo othile, okanye ngokuzalwa ngendlela yemvelo; nguThixo ngokwakhe obazeleyo.
14 ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
15 UYohane wangqina ngoLizwi; wavakalisa esithi: “Lo ngulowo bendithetha ngaye xa bendisithi: ‘Lowo uza emva kwam mkhulu kunam, kuba wayeselekho ndingekabikho mna.’ ”
16 Ngokuphuphuma kobubele bukaLizwi, thina sonke saphiwa iintsikelelo ezingenasiphelo.