10 Babhunga ke ababingeleli abaziintloko okokuba bambulale noLazaro,
11 kuba ngenxa yakhe amaJuda amaninzi ayeguquka akholwe kuYesu.
12 Ngengomso indimbane yabantu ababeze kwitheko *lePasika, yeva okokuba uYesu uyeza eJerusalem,
13 yaxhuzula amasebe emithi yamasundu, yamhlangabeza, yakhwaza isithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani wakwaSirayeli!”
14 UYesu wafumana idonki eselula, wakhwela kuyo, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:
15 “Sukoyika, sixeko saseZiyon.Khangela, uKumkani wakho uza kuweekhwele idonki,ithole lento ebotshwayo.”
16 Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye.