13 Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo.
14 Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
15 Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo.
16 Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
17 Nivile ke. Hayi uyolo lwenu xa nithe nawulandela lo mzekelo.
18 “Andibhekisi kuni nonke. Ndiyabazi abo ndibanyulileyo, kodwa imelwe kukuzaliseka le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Lowo utyayo kunye nam undivukele.’
19 Ndinixelele kungekenzeki, ukuze kuthi, kwakuba kwenzekile, nikholwe okokuba ndinguye endinguye.