5 wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile.
6 Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba nezam iinyawo?”
7 Waphendula uYesu wathi kuye: “Okwangoku akukayazi into endiyenzayo, kodwa uza kube uyiqonde.”
8 Wathi kuye uPetros: “Nokuba sekutheni, ngekhe zihlanjwe nguwe iinyawo zam.”UYesu wamphendula wathi: “Ukuba andithanga ndikuhlambe, awunabudlelane nam.”
9 Waza uSimon Petros wathi kuye: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, selundihlamba izandla nentloko.”
10 UYesu wathi kuye: “Oselehlambe umzimba, uswele kuphela okokuba ahlanjwe iinyawo, ukuze ahlambuluke wonke. Nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.”
11 UYesu wayeselemazi lowo uza kumngcatsha, kungoko watshoyo ukuthi abahlambulukanga bonke.