16 “Kwakufutshanenje anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone.”
17 Ke ngoko abanye kubafundi bathi omnye komnye: “Ngaba uthetha ukuthini xa athi kuthi kwakufutshanenje asisayi kuba sambona, kuthi kwakufutshane emva koko siphinde simbone, ekwathi kwayena uyemka esiya kuYise?”
18 Babuzana ke besithi: “Ngaba uthetha ukuthini na xa athi ‘kwakufutshanenje’? Asiyiqondi into ayithethayo.”
19 UYesu wayesazi okokuba bafuna ukumbuza, waza wathi kubo: “Niyabuzana na ngale nto yokuba ndithe kwakufutshane anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone?
20 Ndithi kuni, inene, niya kulila nenze isijwili, kodwa ihlabathi lona liya kuvuya. Niya kuxhalaba, kodwa ukuxhalaba kwenu kojika kube luvuyo.
21 Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini.
22 Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni.