20 Ndithi kuni, inene, niya kulila nenze isijwili, kodwa ihlabathi lona liya kuvuya. Niya kuxhalaba, kodwa ukuxhalaba kwenu kojika kube luvuyo.
21 Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini.
22 Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni.
23 “Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika.
24 Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.”
25 “Ezi zinto ndizithethe kuni ngezafobe, kodwa liyeza ixesha endingayi kuba santsonkotha ngalo; ndiya kuthetha nani ngokucacileyo ngoBawo.
26 Yakufika loo mini, niya kucela ngegama lam. Kungoko ndingatsho ukuthi iya kuba ndim onicelelayo kuBawo.