10 Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko.
11 Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!”
12 Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla.
13 Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka.
14 Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke.
15 UYesu walandelwa nguSimon Petros kwanomnye umfundi. Lo mfundi ke walandela uYesu wangena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, kuba wayeqhelene nomninimzi lowo.
16 UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros.