15 UYesu walandelwa nguSimon Petros kwanomnye umfundi. Lo mfundi ke walandela uYesu wangena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, kuba wayeqhelene nomninimzi lowo.
16 UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros.
17 Sathi ke kuPetros isicakazana eso: “Akunguye na umfundi walo mntu?”Wathi uPetros: “Hayi; andinguye.”
18 Kwakubanda; ke ngoko izicaka nabagadi *bendlu kaThixo babebase imbawula, beyingqongile, besotha. UPetros waya wema kunye nabo, wotha.
19 Umbingeleli omkhulu wabuza uYesu ngabafundi bakhe nangeemfundiso zakhe.
20 Waphendula uYesu wathi: “Ndithethe phandle ehlabathini. Bendihlala ndifundisa ezindlwini zesikhungo nasendlwini kaThixo apho kuhlangana khona onke amaJuda. Akukho nto ndiyithethe emfihlakalweni.
21 Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.”