3 Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”
4 Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”
5 Waza unina wathi kwizicaka: “Kwenzeni konke anixelelayo.”
6 Apho ke kwakukho imiphanda yelitye emithandathu eyayisetyenziswa ngamaJuda kwisiko lawo lokuhlambulula. Umphanda ngamnye wawumkhulu kangangokuba wawungena iilitha ezimalunga namashumi alithoba ukuya kwikhulu.
7 UYesu ke wathi kwizicaka: “Zalisani le miphanda ngamanzi.” Izicaka zayizalisa,
8 wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Zenjenjalo ke,
9 yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni,