16 Aphinde athi kuye okwesibini uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yalusa iigusha zam.”
17 Wathi kuye okwesithathu uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”Wev' intw' embi uPetros ebuzwa okwesithathunje nguYesu esithi: “Uyandithanda na?” Waza wathi kuYesu: “Nkosi, izinto zonke uyazazi; uyazi ukuba ndiyakuthanda.”Wathi kuye uYesu: “Yondla iigusha zam.
18 Ndithi kuwe, inene, oko ubusemtsha ubuzibhinqisa, uye apho uthanda ukuya khona, kodwa xa sewaluphele uya kuziphakamisa izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandi kuya khona.”
19 Esitsho nje uYesu, wayesalatha indlela uPetros awayeza kufa ngayo ukudumisa uThixo. Wandula ukuthi: “Ndilandèle, wena.”
20 Wakhangela ngasemva uPetros, wabona laa mfundi wayethandwa nguYesu elandela, lowa wayehleli ecaleni kukaYesu esidlweni, waza wabuza kuYesu ukuba ngubani na owayeza kumngcatsha.
21 Wathi ke kuYesu uPetros akumbona lo mfundi: “Nkosi, kuya kuthekani ngalo?”
22 Waza wathi kuye uYesu: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni loo nto kuwe? Ndilandèle, wena.”