3 Waza wathi kubo uSimon Petros: “Ndisaya kuloba.”Baza bathi kuye: “Nathi sohamba nawe.” Baya ke bekhwele isikhitshana, kodwa àbabamba nto ngobo busuku.
4 Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu.
5 Wathi ke ngoko uYesu kubo: “Anibambanga ntlanzi, bafana?”Bamphendula bathi: “Hayi.”
6 Waza wathi kubo: “Phosani umnatha ngasekunene kwesikhitshana. Nobambisa ke.” Bawuphosa, baza ngenxa yobuninzi beentlanzi ababi nako ukuwutsala umnatha.
7 Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini.
8 Ke bona abanye abafundi baya elunxwemeni ngesikhitshana, bawurhuqa umnatha, uzele ziintlanzi. Kwakumalunga neemitha ezilikhulu ukuya elunxwemeni.
9 Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka.