41 Baba baninzi ngakumbi abo bâkholwáyo ngenxa yamazwi kaYesu,
42 baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”
43 Emva kweentsuku ezimbini uYesu wemka apho, waya eGalili.
44 UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo,
45 kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.
46 Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum.
47 Lakuva ukuba uYesu ufikile eGalili, evela kwelakwaJuda, laya kuye, lambongoza okokuba ehle aye eKapernahum, aphilise unyana walo owayegulela ukufa.