44 UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo,
45 kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.
46 Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum.
47 Lakuva ukuba uYesu ufikile eGalili, evela kwelakwaJuda, laya kuye, lambongoza okokuba ehle aye eKapernahum, aphilise unyana walo owayegulela ukufa.
48 UYesu wathi kulo: “Nina aningekhe nikholwe ukuba anithanga nabona imiqondiso nemimangaliso!”
49 Igosa lakomkhulu ke lathi kuye: “Nkosi, nceda uze engekabhubhi umntwana wam.”
50 UYesu wathi kulo: “Goduka; unyana wakho uphilile.”Indoda leyo yakholwa ngamazwi kaYesu, yahamba.