Imizekeliso 1 XHO75

Ukuxabiseka kwemizekeliso

1 Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli,

2 Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho;Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo;

3 Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo,Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye;

4 Yokuba izidenge zinikwe ubuqili,Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela;

5 Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde,Oqondayo azuze amacebo obulumko;

6 Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha,Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo.

Balumkele aboni

7 Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi;Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.

8 Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo,Ungawulahli umyalo kanyoko.

9 Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho,Nezambalo emqaleni wakho.

10 Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda,Uze ungavumi ke.

11 Ukuba bathe, Hamba nathi,Masilalele igazi,Masibalalele abamsulwa bengenatyala;

12 Masibaginye njengelabafileyo behleli,Begqibelele, njengabehla baye emhadini;

13 Sofumana ubuncwane obunqabileyo,Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;

14 Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho,Yoba nye ingxowa yethu sonke:

15 Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo;Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.

16 Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi,Zikhawulezela ukuphalaza igazi;

17 Kuba úfumana usanekwa umnathaEmehlweni eentaka ezi zonke;

18 Ke bona balalela elabo igazi,Bazonda owabo umphefumlo.

19 Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi;Imka nomphefumlo womniniyo.

Ukumemeza kobulumko

20 Ubulumko bumemeza ngaphandle,Buvakalisa izwi labo ezitratweni.

21 Bumemeza emantloko eendawo zembutho;Ekungeneni kwamasango,Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:

22 Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha,Abagxeki befuna ukugxeka,Izinyabi zithiya ukwazi?

23 Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam,Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam,Ndonazisa amazwi am.

24 Ngokokuba ndinibizile, anavuma,Ndolulé isandla sam, akwabakho ukhathalayo;

25 Nesuka naliyeka necebo lam lonke,Anavuma ndakunohlwaya.

26 Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu;Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;

27 Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga,Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi,Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.

28 Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli,Bandifune kwakusasa, bangàndifumani;

29 Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi,Àbakunyula ukoyika uYehova;

30 Àbalivuma icebo lam,Basigiba sonke isohlwayo sam:

31 Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo,Bahluthe ngamacebo abo.

32 Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazibulala,Nobunqobo bezinyabi buyazitshabalalisa.

33 Ke yena ondivayo uhleli ekholosile,Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31