Imizekeliso 17 XHO75

1 Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungileNgaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.

2 Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni,Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.

3 Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide;Umcikidi weentliziyo nguYehova.

4 Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso,Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.

5 Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo;Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.

6 Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana;Isihombo soonyana ngooyise.

7 Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo;Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.

8 Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo,Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.

9 Ugubungela isikreqo ofuna uthando;Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.

10 Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondoNgaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.

11 Oneenkani ufuna ububi bodwa;Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.

12 Kanye qubisana nebhere* ehluthwe amathole ayo,Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.

13 Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo,Àbuyi kusuka ububi endlwini yakhe.

14 Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano;Yiyeke imbambano kungekavunganyelwana.

15 Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa,Bangamasikizi kuYehova bobabini.

16 Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko,Singenantliziyo nje?

17 Umhlobo uthanda ngamaxesha onke;Umzalwana uzalelwe imbandezelo.

18 Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla,Ngomela umelo phambi kowabo.

19 Uthanda ukreqo othanda ukulwa;Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.

20 Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo;Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.

21 Ozala isinyabi uzizalela isingqala;Akanaluvuyo uyise wesidenge.

22 Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise;Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.

23 Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo,Ukuze agqwethe indlela esesikweni.

24 Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni;Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.

25 Úbubuhlungu bukayise unyana osisinyabi;Úbubukrakra kumzalikazi wakhe.

26 Àkulungile ukuhlawulisa nelungisa,Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.

27-28 Owanqandayo amazwi akhe unokwazi:Omoya upholileyo yindoda enengqondo.Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko;Singàwuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31