1 Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe;Into yonke ezimasayo uyayivungamela.
2 Isinyabi asikunanzile ukuqonda;Ke sinanzé ukuzityhila kwentliziyo yaso.
3 Ekuzeni kongendawo kuza ukudela,Ukungcikiva, nokucukuceza.
4 Ngamanzi anzulu amazwi omlomo wendoda,Ngumlanjana obalekayo, lithende lobulumko.
5 Ukukhetha ubuso bongendawo akulungile;Nokugqwetha ilungisa ekuthetheni ityala.
6 Imilebe yomlomo wesinyabi ingena ekubambaneni,Nomlomo waso ubiza amanqindi.
7 Umlomo wesinyabi uyasitshabalalisa,Nemilebe yomlomo waso sisirhintyelo somphefumlo waso.
8 Amazwi entlebi yimithamo emnandi;Yona ihla iye ezingontsini zombilini.
9 Nohilizayo eshishinini lakheNgumninawa kaSokonakalisa.
10 Yinqaba ende eliqele igama likaYehova;Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.
11 Ubuncwane besityebi sisixeko saso esiliqele;Bunjengodonga oluphakamileyo emabhongweni aso.
12 Phambi kwentshabalalo iyazidla intliziyo yendoda;Phambi kozuko lululamo.
13 Ophendula ilizwi engekeva,Kukumatha oko kuye, nehlazo.
14 Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo;Ke umoya odakumbileyo, ngubani na ongawuthwalayo?
15 Intliziyo yonengqondo irhweba ukwazi;Nendlebe yezilumko ifuna ukwazi.
16 Isipho somntu siyamgabulela,Simse phambi kwabakhulu.
17 Únga úlilungisa oqalelayo etyaleni lakhe;Uza ummelwane wakhe, amgocagoce.
18 Liphelisa ingxabano iqashiso,Libahlule abanamandla.
19 Umzalwana ekukreqiweyo kuye ulukhuni ngaphezu kwesixeko esiliqele,Neengxabano zinjengomvalo woxande olude.
20 Ngesiqhamo somlomo wendoda uyahlútha umbilini wayo;Iyahlútha ngongeniselo lomlomo wayo.
21 Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi;Abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.
22 Othe wafumana umfazi, ufumene okulungileyo;Uzuzé okulikholo kuYehova.
23 Ihlwempu lithetha ngezibongozo;Isityebi siphendula ngokulukhuni.
24 Indoda enezihlobo iyachithwa;Kukho sithandwa sinamathelayo kunomzalwana.