Imizekeliso 28 XHO75

Uhlohlo lwezinto

1 Basaba bengasukelwa nto abangendawo;Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.

2 Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo;Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.

3 Umfo oyintloko ekucudiseni izisweliYimvula etshayelayo, ingasalisi kudla.

4 Abashiya umyalelo badumisa abangendawo;Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.

5 Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni;Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.

6 Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo,Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.

7 Obamba umyalelo ngunyana onengqondo;Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.

8 Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso,Ubuthela obabala izisweli.

9 Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo,Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.

10 Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi,Kuya kweyela yena esihogweni sakhe,Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.

11 Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo;Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.

12 Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko;Ekuphakameni kwabangendawo, àbaveli nokuvela abantu.

13 Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo;Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.

14 Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya;Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.

15 Uyingonyama egqumayo, uyibhere* ebhaduliswa kukulamba,Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.

16 Hayi, ingànga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi!Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.

17 Umntu onovalo ngegazi lomphefumloUsabela nasemhadini; makangabanjezelwa.

18 Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa,Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.

19 Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlútha sisonka;Osukela izinto ezingento uya kuhlútha bubuhlwempu.

20 Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi;Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.

21 Ukukhetha ubuso akulungile;Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angáde aphosise.

22 Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba;Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.

23 Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo,Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.

24 Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo,Ulidlelane lendoda engumonakalisi.

25 Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano;Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.

26 Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge;Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.

27 Opha ihlwempu akasweli;Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.

28 Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu;Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31