Imizekeliso 2 XHO75

Ubulumko buzisa usindiso nesidima

1 Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam,Wayiqwebela kuwe imithetho yam,

2 Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho,Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;

3 Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo,Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;

4 Ukuba uthe wabufuna njengesilivere,Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:

5 Ùya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova,Ukufumane ukumazi uThixo,

6 Ngokuba uYehova upha ubulumko;Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.

7 Ubaqwebela uzimaso abathe tye,Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,

8 Ukuze alondoloze umendo wesiko,Agcine nendlela yabakhe benceba.

9 Ùya kwandula uqonde ubulungisa,Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;

10 Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho,Ukwâzi kwenze mnandi umphefumlo wakho.

11 Ukunkqangiyela kókugcina,Ukuqonda kókulondoloza;

12 Ukuba kukuhlàngule endleleni embi,Kubantu abathetha impenduka;

13 Kwabashiya umendo wokuthe tye,Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;

14 Kwabavuyela ukwenza ububi,Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;

15 Abamendo ujibilizayo,Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;

16 Ukuze uhlangulwe kumkamntu,Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;

17 Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe,Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.

18 Kuba útshona ekufeni nendlu yakhe,Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;

19 Bonke abangénayo kuye ababuyi,Abafiki kumendo wobomi:

20 Ukuze uhambe ngendlela yabalungilyo,Ugcine umendo wamalungisa.

21 Ngokuba abathe tye baya kulíma ilizwe,Basale kulo abagqibeleleyo,

22 Banqunyùlwe ezweni abangendawo,Abanginizayo bancothulwe kulo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31