Imizekeliso 23 XHO75

1 Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli,Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;

2 Ubeke isitshetshe emqaleni wakho,Ukuba ùngumntu onombilini.

3 Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa;Kukudla kwenkohliso.

4 Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi;Yeka okwakho ukuqonda.

5 Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko,Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.

6 Musa ukudla ukudla koliso libi,Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;

7 Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena;Úthi kuwe, Yidla usele,Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;

8 Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.

9 Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi;Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.

10 Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala;Ungangeni emasimini eenkedama;

11 Kuba umkhululi wazo womelele;Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.

12 Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni,Neendlebe zakho entethweni yokwazi.

13 Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni;Ukuba ùthe wambetha ngentonga akayi kufa.

14 Wombetha ngentonga,Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.

15 Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho.Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,

16 Zidlamke izintso zamEkuthetheni komlomo wakho okuthe tye.

17 Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni;Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;

18 Inene, kukho ikamva,Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.

19 Yiva, wena nyana wam, ulumke,Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.

20 Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini,Naphakathi kwamadla-kudla;

21 Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka;Kona ukozela kwambesa amajacu.

22 Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo,Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.

23 Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo;Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.

24 Úgcoba kakhulu uyise welungisa;Ozele isilumko uyavuya ngaso.

25 Makavuye uyihlo nonyoko,Agcobe umfazi owakuzalayo.

26 Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

27 Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28 Úde alale njengesihange,Awandise amanginingini eluntwini.

Ubudenge bokunxila

29 Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano?Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu?Anabani na amehlo anozizi?

30 Anâbo balibala ewayinini,Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.

31 Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela,Xa ibengezelayo endebeni,Xa ihla kamnandi;

32 Ukuphela kwayo iluma njengenyoka,Iluma njengerhamba.

33 Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini,Intliziyo yakho ithethe impenduka;

34 Ube njengolele esazulwini solwandle,Nanjengolele encotsheni yemasti;*

35 Uthi, Bándibetha, ándeva ntlungu;Bándintlitha, àndaba nanto ndiyaziyo;Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31