Imizekeliso 3 XHO75

Ukuthobela uThixo nomvuzo wako

1 Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam;Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;

2 Kuba iya kukongeza imihla emide,Neminyaka yobomi, noxolo.

3 Inceba nenyaniso mayingakushiyi;Zínxibe kuwe emqaleni;Zíbhale elucwecweni lwentliziyo yakho,

4 Ubabalwe ube nengqiqo entleEmehlweni kaThixo nawabantu.

5 Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke,Ungayami okwakho ukuqonda.

6 Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke;Wówulungelelanisa umendo wakho.

7 Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo;Yoyika uYehova usuke entweni embi.

8 Ukuphila kobakho enkabeni yakho,Nokuqina emathanjeni akho.

9 Mzukise uYehova ngobuncwane bakho,Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:

10 Ózala amaqonga akho bubuninzi,Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.

11 Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa,Ungakruquki sisohlwayo sakhe;

12 Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya,Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.

Imivuzo yobulumko

13 Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!

14 Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere,Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.

15 Bunqabile bona ngaphezu kwekorale,*Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.

16 Imihla emide isesandleni sabo sokunene,Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko.

17 Iindlela zabo ziindlela ezimnandi,Wonke umendo wabo uluxolo.

18 Bungumthi wobomi kwababambelela kubo,Únoyolo obubambayo.

19 UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko,Walizinzisa izulu ngengqondo.

20 Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe,Savuza umbethe isibhakabhaka.

21 Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho:Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.

22 Zóba bubomi emphefumlweni,Nento entle emqaleni wakho.

23 Ùya kwandula uhambe ngendlela yakho úkholosile.Lungabetheki unyawo lwakho.

24 Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya;Wòlala, bube mnandi ubuthongo bakho.

25 Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe,Nasithonga sabangendawo, sakufika.

26 Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho,Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.

Iziyalo ngeziyalo

27 Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo,Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.

28 Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wòbuya uze,Ndokunika ngomso;Kanti ùnayo.

29 Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho,Ehleli nawe yena ekholosile.

30 Musa ukubambana nomntu kungekho nto,Engakuphathanga kakubi nje.

31 Musa ukuyimonela indoda engonyamelayo,Unganyuli nanye kwiindlela zayo.

32 Kuba othi gu bucala úlisikizi kuYehova;Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.

33 Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo;Ke isithili samalungisa úyasisikelela.

34 Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka;Ke abalulamileyo uyabababala.

35 Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko;Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31