Imizekeliso 30 XHO75

Amanqaku aliqela angobomi

1 Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa.Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela,

2 Kuba ndisisityhakala, andimntu;Ingqondo yomntu ayikho kum.

3 Andifundanga bulumko,Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele.

4 Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla?Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe?Ngubani na obophe amanzi engutyeni?Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi?Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba ùyalazi?

5 Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe.Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye.

6 Musa ukongeza emazwini akhe,Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.

7 Ndicelé kuwe izinto ezimbini;Musa ukundivimba zona ndingekafi:

8 Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga;Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi;Ndihlafunise isonka endisimiselweyo;

9 Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova?Hleze ndihlwempuzeke, ndibe,Ndilicukuceze igama likaThixo wam.

10 Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso,Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.

11 Kukho isizukulwana esitshabhisa uyise,Singamsikeleli unina;

12 Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amehlo,Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;

13 Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso,Ukuziphakamisa kweenkophe zaso!

14 Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetsheZokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu.

15 Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe!Zintathu izinto ezingenakuhlútha;Ziné ezingàtshoyo ukuthi, Kwanele:

16 Lelabafileyo; kukungazali;Ngumhlaba ongàhluthiyo ngamanzi;Ngumlilo ongàtshoyo ukuthi, Kwanele.

17 Iliso eligculela uyise,Lidele ukumlulamela unina,Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni,Alidle amathole exhalanga.

18 Izinto zintathu ezibalulekileyo kum;Hayi, ziné endingenakuzazi:

19 Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni,Yindlela yenyoka etyeni,Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle,Yindlela yomfo nentombi.

20 Injalo indlela yomfazi okrexezayo:Uyadla, asule umlomo,Athi, Andenzanga bubi.

21 Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima,Ngaphantsi kweziné ukhohliwe kukuthwala:

22 Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani;Nesidenge, xa sithe sahlútha sisonka;

23 Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda;Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.

24 Izinto ziné ezincinane emhlabeni,Kanti zilumke kakhulu:

25 Iimbovane ngabantu abangenamandlaKanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;

26 Iimbila ngabantu abangòmeleleyo,Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;

27 Iinkumbi azinakumkani,Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;

28 Icilitshe ùnako ukulibamba ngezandla,Kanti lisemabhotweni ookumkani.

29 Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa,Hayi, ziné ezilungisayo ukuhamba:

30 Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho ziné,Elingabuyi umva phambi kweento zonke;

31 Yinja elingesi; nokuba yinkunzi yebhokhwe;Ngukumkani enomkhosi wakhe.

32 Ukuba ùthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa,Nokuba uthe wankqangiyela,Beka isandla emlonyeni.

33 Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi,Ukucofa impumlo kuvelisa igazi,Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31