Imizekeliso 14 XHO75

1 Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe;Ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla.

2 Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova;Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo.

3 Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi;Umlomo wezilumko uyazigcina.

4 Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba zé;Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo.

5 Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga;Ke lifutha amanga ingqina elixokayo.

6 Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi;Ukwâzi kulula konengqondo.

7 Suka ebusweni bendoda esisinyabi;Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.

8 Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe;Ukumatha kwezinyabi yinkohliso.

9 Idini letyala liyazigxeka izimathane;Phakathi kwabathe tye yimvisiswano.

10 Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo;Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo.

11 Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa;Ke intente yabathe tye iyatyatyamba.

12 Kukho indlela ethe tye phambi komntu,Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.

13 Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa;Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala.

14 Uhlútha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo;Umntu olungileyo uhlútha zizenzo zakhe ngokwakhe.

15 Isiyatha sikholwa ngamazwi onke;Onobuqili uyakuqónda ukunyathela kwakhe.

16 Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi;Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.

17 Ozekanekayo wenza ukumatha;Indoda yamayelenqe ithiyekile.

18 Ilifa leziyatha kukumatha;Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.

19 Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo;Abangendawo bema emasangweni amalungisa.

20 Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo;Ke bona abathanda isityebi baninzi.

21 Omdelayo ummelwane wakhe uyona;Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!

22 Àbayi kulahleka yini na abayila ububi?Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.

23 Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo;Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.

24 Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo;Ukumatha kwezinyabi kukumatha.

25 Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo;Ke elifutha amanga liyinkohliso.

26 Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,Abantwana bakhe baba nendawo yokuzímela.

27 Ukoyika uYehova lithende lobomi,Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.

28 Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani;Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.

29 Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi;Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.

30 Bubomi benyama intliziyo epholileyo;Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.

31 Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso;Olibabalayo ihlwempu uyamzukisa.

32 Ongendawo uyangqulwa bububi bakhe;Ke ilungisa linehlathi ekufeni kwalo.

33 Entliziyweni yonengqondo buyaphumla ubulumko;Ke embilinini wesinyabi buyazazisa.

34 Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga;Isono lihlazo lezizwe.

35 Inkolelo yokumkani ikumkhonzi oqiqayo;Ukuphuphuma kwakhe umsindo kukowenza okuziintloni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31