Imizekeliso 24 XHO75

Imizekeliso yeentlobo ngeentlobo

1 Musa ukubamonela abantu abanobubi;Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.

2 Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa,Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.

3 Indlu yona yakhiwa ngobulumko;Izinziswe ngengqondo;

4 Ngokwazi kuzaliswa amaqongaBubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.

5 Umfo osisilumko unamandla,Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;

6 Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho;Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.

7 Ubulumko bunqabile kwisimathane;Asiwuvuli umlomo waso ensangweni.

8 Ocinga ngokwenza ububi,Lowo báthi ukumbiza nguMayelenqe.

9 Iyelenqe lesimathane sisono;Ulisikizi ebantwini umgxeki.

10 Ùthe waphelelwa ngemini yembandezelo,Oba ebandezelwe amandla akho.

11 Hlangula abasiwa ekufeni;Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.

12 Nokuba ùthi, Yabona besingakwazi oko:Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na?Umgcini womphefumlo akakwazi na?Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?

13 Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile;Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.

14 Bázi ke ubulumko emphefumlweni wakho;Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva,Lingànqunyulwa ithemba lakho.

15 Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa,Ungasibhuqi isikhundla salo;

16 Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke;Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.

17 Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho,Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;

18 Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe,Awubuyise umsindo wakhe kulo.

19 Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi,Ungabamoneli abangendawo;

20 Kuba umenzi wobubi akayi kuba naka-mva;Isibane sabangendawo siya kucinywa.

21 Nyana wam, moyike uYehova nokumkani,Ungazibandakanyi nabanokumbi;

22 Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo;Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?

Amanye amaqhalo ezilumko

23 Nala mazwi ngawezilumko:Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.

24 Othi kongendawo, Ùlilungisa wena,Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.

25 Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo;Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.

26 Wanga imilebe yomlomoOphendula ngamazwi athe gca.

27 Lílungise ishishini lakho phandle,Uzisebenzele entsimini yakho;Emveni koko wakhe indlu yakho.

28 Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu;Ùngásuka uthomalalise na nangomlomo wakho?

29 Musa ukuthi, Njengoko enzé ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye,Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.

30 Ndagqitha entsimini yendoda elivila,Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,

31 Ndafika simile imithuma sonke siphela;Ngaphezulu senile ngamarhawu,Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.

32 Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo,Ndabona, ndamkela uqeqesho.

33 Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela,Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:

34 Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi;Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31